DinileMinyanya: Ingqumbo Yeminyanya
Yizani Mzi wakuthi khanindincedise ukutya amathambo engqondo, yintoni isizekabani salemikhwa siyibonayo mihla le?
ezizifo zingaka, zivuka minyaka le zibangelwa yintoni?, asisakwazi kuzinyanga namhlanje ingaba silahlekwe yintoni?
Ingaba le yingqumbo yeminyanya kusini na?, amathambo asifulathele yini na?.
Oku kukuzifaka ezinyaweni zokhokho bethu ,phantsi kombuzo endizibuza wona
wokuba xa bengavuka okhokho bangathini xa bebona indlela umhlaba esiwonakalise ngayo.
Kwizinto ebezisenziwa ngokhokho bethu , siye savuma ukutyhefwa ingqondo ukuba sizibone,
nje ngezinto zobuqaba nobuhedeni, kanti iimfundiso ngobomi zendele kwezizinto sizibona ubuqaba.
Khanirhabule apha ,nithobe unxano.
.jpg)
Ngalamazwi andizanga nanto intsha okanye indala koko nam ndiza nelinge lokuncothula ameva , ookhokho bethu ababhubha bezama ukuwancothula.
Ndiyaqonda kwezinye iindawo izimvo zethu zingakhabana , kodwa lonto maze ingabi ngumqobo ekubeni sakhane,ukukhabana kwezimvo kuthetha ukuba sonke sinako ukusebenzisa ingqondo zethu qha ngohlobo olwahlukileyo.
DinileMinyanya : Kwenzekantoni Bantwana Bam?
Lo ngumbongo mbaliso , oyingxoko phakathi kuka DinileMinyanya, nesihlwele esimfikela ebusuku elele, sikhalazela amanyala esiwabonayo emhlabeni.
apha u DinileMinyanya uvuselela izazela ngokuzama ukuthunuka imimoya yezihlwele ezabhubha zisilwela inkululeko yethu esingekayifumani nanamhlanje.
Lombongo Awuzi nanto intsha koko, ndivelisa imibuzo esinayo ngembali esiyinikwayo ngabazali bethu neenkokheli zethu,
oku kukuzifaka kwizihlangu zoobawo mkhulu, xa bengavuka babone uhlobo esiphila ngalo,
iindlela esenza ngazo izinto , imibuzo abanokuba nayo, nomothuko onokuba kubo xa bebona ukuba igazi labo laphalalela ilize futhi nathi ngokunjalo asinanto siyenzayo ukunyathela ekhondweni labo.
.jpg)
Xa bengabona ukuphalala kwamagazi angenazono bangathini?, xa bengavuka babone ukuba isizukulwana sabo sibulala sodwa, simonelana sodwa, sicinezelana sodwa futhi sibukulana kwasodwa , angathini amazwi abangawabhekisa kuthi? intliziyo zabo zingeva njani?, bangaziva njani ngezinto abazenzayo egameni lenkululeko yethu? bangathini xa benosibona sibulala abafazi?, abantwana?, xa benosibona sidlwengula abazali bethu nezalukazi?
KWENZEKANTONI BANTWANA BAM?
DinileMinyanya : Thixo Uyandiva?
Ukucinga akuthengiswa akuyomali, xa ungakwazi ukuyibuza imibuzo into okholelwa kuyo, uzoyazi njani ukuba iyasebenza okanye?.
apha iimbongi zivelisa icala elifihlwayo ngenkolo yobuKrestu nangoThixo ubuqu.
Iimbongi zisebenzise ubuchule, bokuzifaka kwinyawo zakhe nabani na, ngokuthi zibuze imibuzo ubani nobani onomnqweno wokuyibuza kumdali, kodwa ngenxa yokoyika ukona, nendlela azotywe ngayo kuthi
akukho mntu unaso isibindi sokubhekisa imibuzo kuThixo ngezenzo zakhe, nohlobo aqhuba ngalo izinto.

Kulombongo imbongi, zisebenzise ubuchule, ngokunonga amagama, ziphicotha umqulu, ngendlela zonke ukuveza ubunyani,nobuxoki obuqulethwe yibhayibhile, ziveza ezinye ze vesi ezibalekwayo ngabazalwana nabefundisi eli liqhinga lokukhulula amatyathanga abotshelelwe ezingqondweni zabantakwethu noDade bethu egameni lokukholwa.
Thixo Uyandiva??
DinileMinyanya : Nilibele
Umntu ongayaziyo imvelaphi yakhe, ufana nqwa nomntu ongazaziyo apho aya khona.
imbali yethu icinyiwe phambi kwamehlo ethu, asizazi singobani, okubuhlungu asazi neziganeko ezibi ezenziwa kokhokho bethu.
Nakoke sizwe sakuthi!, igazi lamaqhawe namagorha abhubha esilwela lenkululeko liyathetha,imimoya yabo ivuka ngathi sizukulwana sabo, kuphalala amagazi mihla le, kum lo ngumqondiso wokuba okhokho balinde ngokwaneleyo, ngoku ixesha lifikile.

Ingaba senilibele ngeekumkani zenu?, umhlaba wenu?, senibukhalele na ubutyebi beli?, babexolise kubani baxolelwa?,ingaba kokukutya ityefu niyolelwe?
Anazinto okanye Nilibele?