Bhotani, igama ngu
Dinileminyanya
imbongi Yesintu
NDIQASHE

Login

About me

Ndingu Dinileminyanya imbongi Yesintu

Mzi ontsundu neziphaluka zawo, ndiyakhahlela kwiinkosi, amaphakathi ukuyotsho kumafanankosi, ndithi inkosi mazithambe isicaka sivumile, ndisilile , umphanda awunagama, ndicela sirhabule ,sirhabulise nabanye. elikhasi ndilenzele ukuba ubani nobani ophilayo kwimiphanda endiyididiyelayo, afumane kulula ukundifumana naninina xa efikelwa lunxano , abe nokusela aphile, camagu mabaphile abantu.
Ngubani u DinileMinyanya?, u DinileMinyanya liNyange lesihobe eliphila ngaphakathi emzimbeni ka Okuhle Ntloyiya
ozalwa yintombi yasemaZimeni, uLungiswa Ntloyiya, ndingumntwana wentombi ngokwesintu utata ngu Mangomsela Jack Ntloyiya umama nguNowethu Maria Ntloyiya
Ndizalwe ndakhulela kwidoluphu yase Cofimvaba, ilali yase Qamata kwisithili sakwaDiba.
Andizi nanto ndingomnye wemimoya evuka kwizizukulwana,kukuni ukuba niyandimamela okanye nichopha ngendlebe.

TSHOTSHWENI NIBENGAMAXHOSA!!

Inkcukaca

My service

Umtshato

Xa unomtshato , ndibize ndizokusitha, ndiphose amnazwi anongiweyo nanobulumko ngokubhodla isiXhosa esimnandi esinephiliso enkulu.

Umgidi

Xa unomgidi kubuya inkwenkwe ehlathini isiza phakathi kwekhaya, ndibize ndizohlanganisa imimoya yezihlwele zemveli ngesihobe, ndinike umfana amazwi obulumko nengqiqo endiyiphokozelwa ngamanyange ngemibongo.

Umsitho

Xa unomsitho okanye ekhaya kukho umsitho, ndibize ndizobayinxalenye yalomyadala, ngethamsanqa nokuvisisana kwethu ndingathunywa linyange lesihobe ukuhosa amazwi amabini namathathu, okuphilisa nokwakha.

Umngcwabo

Xa ikhaya lifikelwe sisifo uNokufa ,liyakwazi ukunxulumana nam, ndizokwenza iimibongo yokududuza nokubopha amanxeba
ngokunjalo xa kungaba lifuna ndibe ngumfundi we obhitshwali,ndiyakwazi ukuyenza nalonto xa sivumelene.
uninzi lwethu sicinga ukufa kukuphela kobomi kanti akukhomntu ungayaziyo uba ukuphila kokona kuyinkathazo kunokufa, yiyo nalento kusithiwa ulele ukuthula xa ufile/ubhubhile.

Intonjane

Xa uthombisile, unako ukundibiza ndize nje uzokonwabisa, nokutyisa abantu besintu iintetha ezivuthiweyo,
noxa ndingenalwazi ngazinto zomama kodwa xa unentonjane, ungandibiza,
ndizokuwenza mhle umsebenzi wakho ngesihobe.

Komkhulu!

Aaaaah!! Kwiinkosi nezibonda ndiyakhahlela ndingacalulanga zihlalo. Njengomntu osithandayo nosiphilayo isintu, ndiyazicelela ukuba xa kukho nawuphi na umcimbi wesintu ndibokhwazwa andinongasabeli,
nokuba ukomkhulu, noba emizini emikhulu. Ukutsho ke ndibala amasiko nezithethe esizwe ngabalala, ukubandakanya Iinkciyo xa ndisenza umzekelo. Zezindibano ndithunyelwe ukuziphemba nokubhodla kuzo imiyalezo ezi.

Bookings

UNDIFUNA NINI?

Monday-Sunday

1HOUR=500

2+HOURS=+-1000


Call me/Ndifounele: 0766640915 | blessing.ntloyiya@gmail.com

Book Me

Your Name

Your Email

Date

Time

Ceremony/Reason

Video Gallery

Blog

Masincokole

November 16th,2021

DinileMinyanya: Ingqumbo Yeminyanya

Yizani Mzi wakuthi khanindincedise ukutya amathambo engqondo, yintoni isizekabani salemikhwa siyibonayo mihla le?
ezizifo zingaka, zivuka minyaka le zibangelwa yintoni?, asisakwazi kuzinyanga namhlanje ingaba silahlekwe yintoni?
Ingaba le yingqumbo yeminyanya kusini na?, amathambo asifulathele yini na?.

Oku kukuzifaka ezinyaweni zokhokho bethu ,phantsi kombuzo endizibuza wona wokuba xa bengavuka okhokho bangathini xa bebona indlela umhlaba esiwonakalise ngayo. Kwizinto ebezisenziwa ngokhokho bethu , siye savuma ukutyhefwa ingqondo ukuba sizibone, nje ngezinto zobuqaba nobuhedeni, kanti iimfundiso ngobomi zendele kwezizinto sizibona ubuqaba. Khanirhabule apha ,nithobe unxano.



Ngalamazwi andizanga nanto intsha okanye indala koko nam ndiza nelinge lokuncothula ameva , ookhokho bethu ababhubha bezama ukuwancothula.



Ndiyaqonda kwezinye iindawo izimvo zethu zingakhabana , kodwa lonto maze ingabi ngumqobo ekubeni sakhane,ukukhabana kwezimvo kuthetha ukuba sonke sinako ukusebenzisa ingqondo zethu qha ngohlobo olwahlukileyo.



November 17th,2021

DinileMinyanya : Kwenzekantoni Bantwana Bam?


Lo ngumbongo mbaliso , oyingxoko phakathi kuka DinileMinyanya, nesihlwele esimfikela ebusuku elele, sikhalazela amanyala esiwabonayo emhlabeni.
apha u DinileMinyanya uvuselela izazela ngokuzama ukuthunuka imimoya yezihlwele ezabhubha zisilwela inkululeko yethu esingekayifumani nanamhlanje.

Lombongo Awuzi nanto intsha koko, ndivelisa imibuzo esinayo ngembali esiyinikwayo ngabazali bethu neenkokheli zethu, oku kukuzifaka kwizihlangu zoobawo mkhulu, xa bengavuka babone uhlobo esiphila ngalo, iindlela esenza ngazo izinto , imibuzo abanokuba nayo, nomothuko onokuba kubo xa bebona ukuba igazi labo laphalalela ilize futhi nathi ngokunjalo asinanto siyenzayo ukunyathela ekhondweni labo.



Xa bengabona ukuphalala kwamagazi angenazono bangathini?, xa bengavuka babone ukuba isizukulwana sabo sibulala sodwa, simonelana sodwa, sicinezelana sodwa futhi sibukulana kwasodwa , angathini amazwi abangawabhekisa kuthi? intliziyo zabo zingeva njani?, bangaziva njani ngezinto abazenzayo egameni lenkululeko yethu? bangathini xa benosibona sibulala abafazi?, abantwana?, xa benosibona sidlwengula abazali bethu nezalukazi?



KWENZEKANTONI BANTWANA BAM?



March 07,2022

DinileMinyanya : Thixo Uyandiva?


Ukucinga akuthengiswa akuyomali, xa ungakwazi ukuyibuza imibuzo into okholelwa kuyo, uzoyazi njani ukuba iyasebenza okanye?.
apha iimbongi zivelisa icala elifihlwayo ngenkolo yobuKrestu nangoThixo ubuqu.

Iimbongi zisebenzise ubuchule, bokuzifaka kwinyawo zakhe nabani na, ngokuthi zibuze imibuzo ubani nobani onomnqweno wokuyibuza kumdali, kodwa ngenxa yokoyika ukona, nendlela azotywe ngayo kuthi akukho mntu unaso isibindi sokubhekisa imibuzo kuThixo ngezenzo zakhe, nohlobo aqhuba ngalo izinto.



Kulombongo imbongi, zisebenzise ubuchule, ngokunonga amagama, ziphicotha umqulu, ngendlela zonke ukuveza ubunyani,nobuxoki obuqulethwe yibhayibhile, ziveza ezinye ze vesi ezibalekwayo ngabazalwana nabefundisi eli liqhinga lokukhulula amatyathanga abotshelelwe ezingqondweni zabantakwethu noDade bethu egameni lokukholwa.



Thixo Uyandiva??



March 07,2022

DinileMinyanya : Nilibele


Umntu ongayaziyo imvelaphi yakhe, ufana nqwa nomntu ongazaziyo apho aya khona. imbali yethu icinyiwe phambi kwamehlo ethu, asizazi singobani, okubuhlungu asazi neziganeko ezibi ezenziwa kokhokho bethu.

Nakoke sizwe sakuthi!, igazi lamaqhawe namagorha abhubha esilwela lenkululeko liyathetha,imimoya yabo ivuka ngathi sizukulwana sabo, kuphalala amagazi mihla le, kum lo ngumqondiso wokuba okhokho balinde ngokwaneleyo, ngoku ixesha lifikile.



Ingaba senilibele ngeekumkani zenu?, umhlaba wenu?, senibukhalele na ubutyebi beli?, babexolise kubani baxolelwa?,ingaba kokukutya ityefu niyolelwe?



Anazinto okanye Nilibele?